U-Miss Golden Heart South Africa yinkampani yokhuphiswano lonobuhle eyenza amathuba okukhulisa nokuvelisa izakhono zabo bathi babenomdla wokubayinxalenye yokuzibona behamba kwiqonda lonobuhle eluphezuli ku Mzantsi Afrika jikelele. Lenkampani egama lingu Miss Golden Heart South Africa isebenzisana kakhulu namantonjazanana aphakathi kweminyaka eyi 9-22, konke oku kusukela kunyaka ka 2020 futhi isekwe kwiphondo lempuma koloni i-Eastern Cape ngelemboleko. Abasunguli bayo lenkampani ngu Isipho Madondile-Wanga kunye no Siyamamkela Wanga. Lenkampani ikholelwa futhi ikwiphulo lokugxininisa ukwenziwa kotshintsho kwindawo (communities) zokuhlala eMzantsi Afrika futhi ke abo bathi babeyinxalenye yalenkampani baye bathi befika nje bezi “Finalists” babe bexozelwa futhi befundiswa ngokubaluleka kokukhathalela indawo (communities) esihlala kuzo eMzantsi Afrika.
Xa kungoku sivuyisana nogama lingu Fanele Sibiya obemele iphondo la KwaZulu-Natal nothe waphumelela kolukhuphiswano lonobuhle obelubanjelwe eMonti kulenyanga ka October. UFanele Sibiya lo wenze imbali enkulu ngokuthi abengowukuqala ngqa othatha lentshinga eyisa kwela KwaZulu-Natal ngoba iminyaka le mithathu idlulileyo oko iphondo lempuma koloni linqenqeza phambili kodwa UFanele Sibiya wathi hayi kulonyaka ka 2023. Into yokuphumelela kuka Fanele Sibiya, ethatha intshinga (crown) eyisa KwaZulu-Natal isenze sachulumanca kwanobom ngoba kaloku sonke seleliphondo le mpuma koloni siyayizibula into ekumila kunje. Nanamhla sithi HALALA Fanele Sibiya HALALA. UFanele Sibiya uzalelwe waze wakhulela KwaZulu-Natal eMtunzini futhi uneminyaka eyi 13 wenza ibanga lesixhenxe kwisikolo i-Ancyra Christian
Academy.
Eyonanto esenza sahluke kwezinye iinkampani zonobuhle kwelilizwe lo Mzantsi Afrika yinto yokokuba thina sifundisa kwaye sikhuthaza abantwana abangamantombazana ukuba BAZITHEMBE (TO BE SELF-CONFIDENT) futhi BABENGABO (TO BE THEMSELVES) oko ke kulandela uphando esathi salenza saze safumanisa ukuba abantwana balemihla kwilizwe jikelele banoloyiko lokuphila benyanisekile, into enqenqeza phambili kukubabona bezama ukuphilela abanye abantu okanye bezifanisa nabantu abangengabo (faking others) yilonto sine hashtags esaziwa ngazo ezithi #beselfconfident #beyou. Ubungozi balento kukubhaqa abantwana belahleka endleleni okanye ebomini, futhi bengakwazi ukuzamkela ukuthi bangobani na futhi badalwe njani zelonto ibenze bazibulale ngemini zobunzima.
Ukwaleka, siyinkampani egxininisa ekubeni ba abo bathi baphumelele kolukhuphiswano baye baqinisekise ukuba into yokwenza utshintsho kwindawo esihlala kuzo bayiphile futhi bakwazi ukubaluleka kwayo. Konke oku kuqala kanye emveni kokuba kuhleliwe kwakhethwa ukuba ngobani abazakujongana okanye abazakufikelela kundoqo wokhuphiswano ngokuba baziswe ke ngokuba bazi “Finalists”, ze emveni kokuba siphumile eseso saziso siye siqale ukubaxoza nokubafundisa ngako konke oku sele ndikubandakanyile ngasentla, into efana nokwenza utshintsho nokunikeza ithemba kwindawo zokuhlala eMzantsi Afrika.
Umnyhadala walonyaka uye wayimpumelelo enkulu kakhulu emveni kwawo onke amagingxigingxi esithe sajongana nawo endleleni, yilonto ke sizingomba isifuba xakunamhlanje ngoba silufezile ugqatso ebesijongene nalo. Umnyhadala walonyaka ka 2023 ubonakalise ukubayimpulelo ukusukela kudibano esasilubambele e-Hemingways Mall eMonti apho bonke abantwana ababekhuphisana badibana khona kumnandi kuyilonto. Yayingumhla ka 6 kulenyanga imiyo ngoko futhi i-Hemingways Mall yayime ngembambo izele ngabaxhasi nabazali babantwana nanjengoko ukhuphiswano lalongomhla ka 7 kulenyanga imiyo. Into eyabangela kuzale ngendlela ekwakuzele ngayo kukuba lenkampani ingu Miss Golden Heart South Africa ihlonitshwe kakhulu ngoba kaloku yiyo yodwa engu ngqa phambili, ibe isungulwe okanye isekelezwe kwiphondo lempuma koloni. Ihlonitshwe nangamanye amaphondo oMzantsi Afrika ngenxa yomgangatho elikuwo olukhuphiswano.
Lenkampani ifumana inkxaso kwezinye iinkampani esele ziphumelele kwicandelo losomashishini, ezonkampani ziyalandela, PRUDENT LUDIDI, AFRICAN DOLL DESIGNS, BLUE LAGOON HOTEL & CONFERENCE CENTER EL, BUFFALO TOYOTA EAST London6, SONWABILE PR AGENCY, ELLIPSE WATERFALL EXECUTIVE APARTMENTS, BODY PAMPER SALON, MEDIA LED, HEMINGWAYS MALL, KWAMNANDI HOLDINGS, LITTLE BLOOMS CATERING njalo-njalo. Iinkampani ezinjengezi zingentla zisincede kakhulu ekuphakamiseni umgangatho wolukhuphiswano kunye nentlonipho.
Abo bathi baphumelele kolukhuphiswano baye bafumane izipho ezingayiwayo ezifana ne cash prizes, fully paid trips to Durban, Ocean Boat Cruise, Restaurant Outings, Hotel sleepovers and many more others.
Kulonyaka uFanele Sibiya kunye nogxa bakhe bakwi phondo impuma koloni uInako George kunye no Obioma Nweke baye bawelwa okanye bafumana isipho esingayiwayo besiphiwa ngusomashishini ongenantanga ogama lingu Pamela Niemand wase Rhawutini ebanika isipho soyakulala kwi-hotele yakhe yodidi oluphezulu kweli loMzantsi Afrika eyaziwa ngokuba yi-Ellipse Waterfall Executive Apartments emiliselwe kumhlaba wase Midrand eRhawutini. UFanele nogxa bakhe bazibone belala kwindawo abayicacisa njenge “heaven-on-earth” ngelasemzini, belala iintsuku ezimbini kuleveki iphelileyo. Ukusukela ekufikeni kwabo kumasango ase Ellipse Waterfall Executive Apartments oko bebambe ongezantsi kangangendlela entle ngayo i-Ellipse Waterfall Executive Apartments kwaye ibingase bangabuyeli emawabo. Kuthi siyilenkampani ka Miss Golden Heart South Africa siyivuyele kakhulu into yokusa ababantwana kwindawo enqwenelwa ngumntu wonke kwilizwe jikelele. Ngoku sele sijolise amehlo ethu kwabo bazakuthi baphumelele olukhuphiswano kunyaka ka 2024 ngokuba nabo bazakuthi baxhamle kwesisipho.
Njengoko senditshilo ukuthi xa kungoku sijolise amehlo kunyaka ka 2024, sele amalungiselelo eqalile phakathi kuka Miss Golden Heart South Africa kunye ne Blue Lagoon Hotel and Conference Center kunye ne Buffalo Toyota East London futhi siceba ukuxhoma umgangatho futhi nokwenza ngcono kuna kulonyaka.
Bamkelekile bonke abo banqwenela ukufaka isandla ekuncediseni u-Miss Golden Heart South Africa ekutyaleni imbewu yokwenza utshintsho kwindawo esihlala kuzo eMzantsi Afrika futhi bangathi banxibelelane nathi kwizinombolo 073 934 7402 okanye missgoldenheartsa@gmail.com futhi umnqweno wethu kukusebenzisane kakhulu ne Fashion Designers, Beauty Brands, Iinkampani zobuxhakaxhaka balemihla (printing companies), Ivenkile Zokutya, Namacandelo ka rhulumente njalo-njalo.
UMzantsi Afrika uphela makalindele ukubona uFanele Sibiya kunye noogxa bakhe uInako George kunye no Obioma Nweke bezeka mzekweni, ekutyaleni imbewu yotshintsho nokuncedisana nendawo esihlala kuzo kweli silimiyo.
UFanele Sibiya wakwi phondo la KwaZulu-Natal uchazele uMiss Golden Heart South Africa ngezinto aceba ukuzenza kwiphondo lwa KwaZulu-Natal:
“I believe that I was born to make a difference in this world so one step at a time, I am going to make a difference starting in my community and I know I do not need to be a millionaire to make a change. As I reign I plan to inspire every young girl and show them that no one can define who they are but themselves. My aspirations are to make a change through the Miss Golden Heart South Africa platform. I aspire to make great change in the way the young minds think about themselves. To build a better generation one step at a time. I believe charity starts at home, making difference in my community and influencing young minds can make an even bigger difference in the whole world.”
Kungoko ke sikhuthaza abafundi beliphepha ukuba basilandele kwikhasi lethu lonxibelelwano uFacebook ngelemboleko, singu MISS GOLDEN HEART SOUTH AFRICA kwaye kulapho bazakuthi babone ukuba tshintsho luni okuzakwenziwa ngalamatyendyana kwilizwe UMzantsi Afrika.

